UBULUNGU
Kuya kubakho ezi ndidi zilandelayo zobulungu:
(1) Ubulungu obuQhelekileyo buvuleleke kubantu abanesidanga seHonours ubuncinane kwiiLwimi zesiNtu. Ubulungu bunokuthi, nangona kunjalo, bunikezelwe kumntu ongayifezekisiyo le mfuneko, ngokokubona kufanelekile kweBhodi yoMbutho okanye iKomiti eLawulayo.
(2) Ubulungu obuBekekileyo bunokuthi bunikezelwe yiBhodi kubantu abathe banenxaxheba egqwesileyo kweli candelo kunye nakuMbutho.
(3) Ubulungu bamaQumrhu buvulelekile kuwo onke amaqumrhu. Imirhumo yobulungu iya kuphinda-phindwa kane xa iqhathaniswa nobulungu obuqhelekileyo. Ilungu ngalinye eliliqumrhu linelungelo lokufumana iikopi ezintathu ezongezelelweyo zazo zonke izinto ezipapashwe yi-ALASA xa ziceliwe. Yonke imbalelwano kufuneka ibhekiswe kumntu othile omele ubulungu bequmrhu. Inye kuphela ivoti eya kuvunyelwa ngobulungu bequmrhu ngalinye.
(4) Ubulungu boBomi buya kunikwa naliphi na ilungu eliqhelekileyo le-ALASA, elithe lenza intlawulo ephindwe kalishumi elinesithandathu lomrhumo wonyaka wobulungu ngalo naliphi na ixesha.
IBhodi iya kumisela imirhumo yobulungu. Intlawulo efunekayo yomrhumo iya kwenza ukuba ilungu lifumane iJenali, lize apho kunokwenzeka lifumane nezinye izinto ezipapashiweyo zoMbutho ngexabiso elithotyiweyo.
IBhodi inokubunqumamisa ubulungu balo naliphi na ilungu ngesizathu esibambekayo, umz. kwimeko yemirhumo ekudalwa ilindelwe.
Amalungu aQhelekileyo, aBekekileyo, amaQumrhu kunye nawoBomi asenokusebenzisa ilungelo lawo lokuvota kuyo nayiphi na imisebenzi yoMbutho xa ekhona buqu.