Ubulungu

Ifomu yobulungu

Ubulungu buvulelekile kubantu abazizifundiswa okanye abafundi bokwenene beelwimi zesiNtu kunye nabanye abantu abavumelana neenjongo zoMbutho. Umrhumo wonyaka kungoku nje umiselwe njengama-R200.00 okanye ama-US$60. Amalungu ahlawulileyo afumana iikopi ezimbini zonyaka ze-SAJAL, kwakunye ne(ee)ncwadana y(z)eendaba kunye nezimemo zeeNkomfa neeSemina.

Ukuhlaziywa kobulungu: ubulungu buhlaziywa rhoqo ngonyaka. Amalungu aya kufumana isaziso sohlaziyo kuNondyebo. Esi saziso kufuneka sibuyiselwe kuNondyebo (sidityaniswe neenkcukacha zikanondyebo) kunye netshekhi, iodolo yeposi okanye isiliphu sediphozithi njengobungqina bentlawulo yesixa-mali esifanelekileyo. Zonke iintlawulo kufuneka zenziwe kwi-ALASA. UNondyebo kufanele axelelwe ngalo naluphi na utshintsho lwedilesi okanye ezinye iinkcukacha zakho.

Unokuba lilungu njani: Amaqela anomdla anokufaka isicelo sokujoyina i-ALASA ngokugcwalisa ifomu efanelekileyo kwaye ayithumele ngqo kuNondyebo apha mojapml@unisa.ac.za

Ifomu yobulungu

Ubulungu

Isicelo se-ALASA sowama-2022

Fumana ifomu yethu yesicelo

Jonga